52 BONA XHOSA - September 1997 

UNambitha Mpumlwana ongumdlali ophambili womdlalo weqonga othi THE DEAD WAIT odlalwa eMarket Theatre, udlala kwindawo yomdlali ekufuneka axolele emva kwama-20 eminyaka eyadlulayo umfo owagwinta uyise. Kubalisa uBONGANI HLATSHWAYO kufote uLUCKY NXUMALO.

UPAUL HEABERG ongumbhali wencwadi ethi The Dead Wait
         uchaza ukuba umcamango walo mdlalo uqalise kwincoko
nje eyayiphakathi kwakhe nomnye umfo
kuloliwe eLondon.
Lo mfo, ethand'ukuqonda ngemvelaphi yakhe eMzantsi Afrika, umxelela ngokwenzeka kumzala wakhe kwi-16 leminyaka eyadlulayo. Umzala wakhe wayelijoni eAngola, iqela lakhe labamba umlweli wenkululeko ontsundu owenzakala. Eli joni liselula lanyanzeleka libeleke lo mfo ongxwelerhiweyo - kwaqalisa ubuhlobo.Umphathi weli qela owayengalifuni eli joni wasabela kobu buhlobo bungaqhelekanga kwaza oko kwaphumela kwintlekele.
Kuma-20 eminyaka emva kokusweleka kukaGeorge Josana, uJosh (olijoni) okhathazekileyo uvela elubhacweni ezokufuna okusesikweni.
lsicelo sakhe sokuxolelwa simsa uJosh kwikhomishin Yenyaniso Nokuxolelwa. Simbangela ajamelane nomntu owayengamfuni uPapa Louw (owayengumphathi weqela lakhe).
ULouw, indoda ephelelwe lithemba nongacac ukuba ngumntu onjani. Ubonakala ewamkela uMzantsi Afrika omtsha kodwa akabonisi kuzisola ngawakwenza ethubeni elidlulileyo.
Ukudibana kukaJosh kunye nentombi kaGeorge uLily (onguNambitha Mpumlwana) akusikhululi isazela sakhe esikhathazekileyo. NoLily kukho ingxaki anayo ekufuneka ayisombulule. Ngaba ukushiywa kwakhe nguyise ngenxa yomzabalazo kuya kumzisela uxolo engqondweni?
UNambitha uthe: lndawo endidlala kuyo ichukumis iimvakalelo.
Ndithe ndakudibana nalo mbulali wabe utata ebulewe kuma-20 eminyaka. lnyaniso kukuba kwakufanele ukuba uze kum ebutsheni bama-20( eminyaka enomyalezo ovela kutata. Ngoku ufuna ukuxolelwa. Akulula. Ukuba mna ndicingisisa ngentlungu uLily awayinyamezela kuma-20 eminyaka akulula ukuxolela nokulibala utshilo.
UNambitha udlala kakuhle kodwa ukuba nguLily ukubona kucel umngeni.
Ucelo-mngeni lufuna ukunyaniseka. Akunakulindela ukwazi ukuba udlale njani kwimeko enje ngaphandle kokuba wakha wayiphila.
Xa mna ndizihlola emoyeni ndenjenjalo, ndifumanisa ukuba abantu baseMzantsi Afrika bayakuqonda okweminyaka eyadlulayo. Kona nje kukodwa kucel umngeni, bakuxolele.
UNambitha ukwangumsasazi kwinkqubo ethi Lebone kuSABC 2.
Le yinkqubo endinika inkalipho. Kule nkqubo ndidibene nabasetyhini abaninzi abanesibindi, abaye baphumelela kwiinkathazo ezininzi kwilizwe eliphethwe ngamadoda. Bekunik ifuthe kundinike nesibindi sokuba ndiphume ndenze okuninzi. l The Dead Wait iqalise eMarket Theatre ngoJulayi 21, 1997.
 UNambitha
Mpumlwana udlala indawo kaLily kwi Dead Wait ka Paul Herbert.

